ISEBE LEZEMIDLALO, EZOLONWABO, UBUGCISA NENKCUBEKO
ISIQULATHO
INTSHAYELELO
INJONGO
IINJONGO
IIMFUNO ZOMGAQO-SISEKO NEZOMTHETHO
UMGAQO-SISEKO WERIPHABLIKI YOMZANTSI AFRIKA
IINKQUBO KUNYE NOWISO-MTHETHO OLUBANDAKANYEKAYO
IMITHETHO-SISEKO EKHOKELAYO
UMMANDLA WOKUSEBENZA
IZIKHOKELO ZOKUSETYENZISWA NOKUPHUHLISWA KOLWIMI E-GPG
ULWIMI LWEREKHODI OLUSEBENZAYO
ULWIMI LONXIBELELWANO
UNXIBELELWANO LWAMAZWE NGAMAZWE
UKUPHUCULWA KOLWIMI
ISIKHUNDLA SOKWAKHA
ISIPHELO
INTSHAYELELO
Iinkqubo zocalu-calulo nezamathanga zadala imeko apho zonke iilwimi zelizwe ngaphandle kweelwimi ezimbini zingazange zijongelwe phantsi kuphela koko zacinezelwe kakhulu ukuya kwelona qondo liphezulu. IsiNgesi nesiBhulu zenziwa iilwimi ezisemthethweni kwaye zaphuculwa zaze zaphuhliswa kusonakaliswa iilwimi zoMzantsi Afrika.
UmGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996 ubalula ukusetyenziswa ngokulingana kwazo zonke iilwimi ezisemthethweni zelizwe, kunye nokuphucula nokuphuhliswa kweelwimi zemveli ezazisingelwa phantsi ngokwembali. Ngaphandle kweelwimi ezili-11 ezisemthethweni uMgaqo-siseko ukwaqonda ezinye iilwimi ezifana ne-Nama, Khoi, San kunye neeLwimi zeeMpawu ekufuneka ziphuculwe kwaye ziphuhliswe.
Phambi kwenkqubo yokucebisana uphicotho lolwimi lwenziwa ngumboneleli wenkonzo enamava kakhulu kulo mmandla wophando. Ingqalelo yabhekiselelwa kuBalo lwabantu lowama-lowama-2001, kumaxwebhu eepolisi kunye neziphumo zokuphicothwa kolwimi lwaseGauteng.
Ezona zinto zifunyanisiweyo zophando ebekuphandwa ngazo ngeelwimi zoluntu lwesizwe olwagunyaziswa yi-PanSALB ngo-2001 nazo zathathelwa ingqalelo. Olu phando lwasebenzisa isampuli yabeMi boMzantsi Afrika abamalunga neminyaka eli-16 nangaphezulu eyathathwa kuzo zonke iindidi zoluntu ngokwemvelaphi yasemaphandleni nasedolophini. Imimandla ekwakujoliswe kuyo yayilulwimi lwenkobe nolwimi olusetyenziswa kwindawo zabucala nezingekho sikweni, kwiimeko zasesidlangalaleni nezamaziko, ulwimi lokusebenza nelokufundisa, izimvo kumgaqo wolwimi kunye nobuciko bolwimi neelwimi ezininzi.
UmGaqo- siseko ubona imfundo njengelinye lelona qonga libalulekileyo lokuphucula nokuphuhlisa ukusetyenziswa kolwimi. I-GLPF ithathela kwakhona ingqalelo iimfuno zoMthetho weziKolo waseMzantsi Afrika, 1996, ngokunxulumene nokusetyenziswa kolwimi ezikolweni nendlela uLwimi kumGaqo weMfundo olunxulumene ngawo nemeko- bume yemfundo.
Iinjongo ze-GLPF ngoko zezi zilandelayo:-
a Ukwenza ukuba kusebenze amalungelo olwimi njengoko efakwe kumGaqo-siSeko ngokuphuculwa okusebenzayo kweelwimi ezininzi.
b Ukuphucula ukusetyenziswa okulinganayo kweelwimi ezili-11 ezisemthethweni kwiphondo, ukwenzela ukuphucula ubulungisa bentlalo, inkcubeko nobolwimi.
c Ukuqhubela phambili ukufikelela okulinganayo kwiinkonzo zikarhulumente wephondo nakulwazi nokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zikarhulumente.
d Ukuxhasa, ukuphuhlisa nokugcina iilwimi ezininzi kumasebe karhulumente wephondo nowasekhaya nonxibelelwano lwazo nokusebenza noluntu.
e Ukulungisa okunentsingiselo phakathi kwelwimi ezisemthethweni zephondo ezasisengelwe phantsi ngokwembali.
f Ukukhusela ukwahlukana kweelwimi nokuphucula intlonipho yeelwimi ezininzi nomanyano.
g Ukuba negalelo ekulondolozeni nasekuqhubeleni ukuphuhliswa kweenkcubeko ezityebileyo nezahlukeneyo.
h Ukuba negalelo kwidemokrasi, kunye nokubonisa ukuba i-GPG ingurhulumente okhathalayo nosebenzayo.
i Ukundulula izakhiwo kukuzalisekiswa, kukongamela nokuvavanya imigaqo yolwimi neyonxibelelwano yephondo.
j Ukunika urhulumente wasekhaya isikhokelo nolawulo lokuphuhlisa imigaqo yakhe yolwimi esebenzayo ukukhulisa iilwimi ezininzi ezisebenzayo.
k Ukuphucula ulawulo lolwimi olulungileyo lwendleko ezifanelekileyo nezokuhambisa iinkonzo zoluntu ezifanelekileyo nolawulo.
l Ukukhuthaza nokuphucula ukwakhiwa kwesizwe, ubuzwe kunye nonamathelwano phakathi kwentlalo kwiilwimi ezahlukeneyo nobukho benkcubeko ezahlukeneyo zamaqela aseGauteng.
IIMFUNO ZOMGAQO-SISEKO NEZOMTHETHO
UMGAQO-SISEKO:
ICandelo 6 liqonda ukuncitshiswa kokusetyenziswa kweelwimi zemveli zaseMzantsi Afrika kunye nobume bazo kwaye linyanzela urhulumente ukuba athathe amanyathelo asebenzayo kunye neendlela zoyilo zokuphakamisa ubume kunye nokuqhubela phambili ukusetyenziswa kwezi lwimi.
ICandelo 6 (a) lichaza ukuba oorhulumente bamaphondo nowesizwe kufuneka ukuba basebenzise ubuncinane iilwimi ezimbini ezisemthethweni ngeenjongo zikarhulumente zokuthathela ingqalelo, ekubeni nokwenzeka, kwindleko, iimeko kunye nokusetyenziswa kwisithili, kunye neemfuno nokhetho luluntu ngokubanzi, okanye kwiphondo elibandakanyekayo.
ICandelo 6 (b) lichaza ukuba oorhulumente basekhaya kufuneka bathathele ingqalelo ekusetyenzisweni kolwimi kunye nokukhetha ngabahlali.
ICandelo 6 libophelela oorhulumente bamaphondo nowesizwe ukuba balawule kwaye bongamele ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni nokuqinisekisa ukulingana kwesidima nempatho elingeneyo.
ICandelo 9 likhusela abemi kucalulo olungenabulungisa ngokuphathelene nolwimi;
ICandelo 29 lichaza ukuba wonke ubani unelungelo lokufumana imfundo ngolwimi olusemthethweni okanye ngeelwimi ezikhethwe ngaye kumaziko oluntu apho imfundo isebenza ngokufanelekileyo. Ukuze kuqinisekiswe ukufikelela okufanelekileyo nokuzalisekiswa kweli lungelo zonke ezinye iindlela zemfundo ezifanelekileyo nokulingana kufuneka zithathelwe ingqalelo, kungalityalwanga ubulungisa, ukwenza kwenzeke kunye nokulungisa.
ICandelo nelama- 31 lixhasa amalungelo abemi lokusebenzisa ulwimi abalukhethayo.
UMTHETHO NEEPOLISI EZIBALULEKILEYO
UmThetho we-PanSALB, 1995 ubonelela ukwaziswa, phakathi kwezinye izinto (inter alia), ukuqondwa, ukuphunyezwa nokuqhubela phambili iilwimi ezininzi nokuphucula iilwimi zemveli ezazisingelwe phantsi ngokwembali. Ukwalungiselela ukusekwa kweekomiti zeelwimi zephondo.
URhulumente wePhondo laseGauteng ngeSebe lezeMidlalo, uloNwabo, ubuGcisa neNkcubeko sele limisele iKomiti yoLwimi yePhondo laseGauteng.
UMTHETHO WOKUPHUCULA UKUFIKELELA KULWAZI, 2000
Izinto zomThetho wokuPhucula ukuFikelela kuLwazi kukunika intsingiselo kwilungelo lomgaqo-siseko wokufikelela nakoluphi ulwazi olubanjwe ngurhulumente, ngamaziko abucala okanye ngabantu ngokumalunga nonywino olufanelekileyo. Ufikelelo olunjalo alunakubhekiselela kuphela ekufumaneni ngokubambekayo ulwazi kodwa kufuneka kangangoko lube kulwimi olukhethwe ngumceli.
ISIKHOKELO SOMGAQO WOLWIMI LWESIZWE
Njengokuba iShedyuli 4 yomGaqo-siseko ichaza ukuba ulwimi ngummandla osebenzayo wephondo ngaxeshanye nobuchule bephondo i-NLPF ichaza ukuba zonke izakhiwo zikarhulumente ( urhulumente wasekhaya, wephondo nowesizwe) kunye namaziko alawula igunya loluntu okanye awenza umsebenzi woluntu abotshelelwa yiyo.
Ekuphuculeni iilwimi ezininzi kulindeleke ukuba amaphondo enze ezawo iinkqubo-zikhokelo zolwimi ezihambelana ne-NLPF kuthathelwa ingqalelo kwiimeko zesithili, kwiimfuno nokukhethwa luluntu lwamaphondo. Oorhulumente basekhaya bayakwenza imigaqo yeelwimi yasekhaya ehambelana nale nkqubo-sikhokelo yepolisi yePhondo.
Urhulumente uyakhuthazwa ukuba axhase amacandelo angasese ukuba aphuhlise kwaye azalisekise eyawo imigaqo yolwimi ngokuhambelana nale nkqubo-sikhokelo yepolisi engasentla.
iPolisi-yoLwimi kwiMfundo iPolisi-yoLwimi kwiMfundo yipolisi yesizwe esebenza kwimeko-bume yemfundo. Eyona njongo ingundoqo yayo kukuqhubela phambili unxibelelwano ngaphaya kwemiqobo yebala, inkcubeko, ulwimi nezenkolo ngexa kwangaxeshanye udala ummandla wokuhlonipha ezinye iilwimi kunolwimi lwakhe.
IMITHETHO-SISEKO EKHOKELAYO
a Ukuhlonipha amalungelo olwimi abemi njengoko efakwe kumGaqo-siSeko;
c Ukuphucula ukusetyenziswa kokungafani kweelwimi.
d Ukwandisa ubuchule bazo zonke iilwimi ezisemthethweni zibe negalelo kuphuhliso nokuthatha inxaxheba kwezopolitiko nezentlalo-qoqoqsho e Ukukhulisa iwonga neendima zeelwimi ezazisingelwa phantsi ngaphambili Ukulungisa.
g Ukukhusela ukusetyenziswa kolwimi ngeenjongo zokuzisebenzela, zokongamela nezocalulo ukungabi nacalulo.
h Ukulungisa iimfuno, ulangazelelo nemidla yoluntu lolwimi lwethu olwahlukeneyo.
i Ukusebenza namaziko oluntu, abucala kunye namanye amaziko kunye nee-arhente ukuphucula iilwimi ezininzi oomahlulelane.
j Ukuxhasa amalungelo edemokrasi abemi okuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kubomi boluntu, ukuquka ukuthatha inxaxheba ekwenzeni, ekuzalisekiseni nasekuhloleni imigaqo yolwimi neyonxibelelwano.
k Ukuphucula ukufikelela kulwazi nakwiinkonzo zikarhulumente ngonxibelelwano olufanelekileyo.
l Ukusebenzisa ulwimi ukuqinisekisa ukungafihli kunye norhulumente othatha uxanduva ophendulayo kwiimfuno zabemi.
m Ukuvakalelwa nokuguquka kukhetho lweelwimi, ukusetyenziswa nobuchule babaphulaphuli ekujoliswe kubo.
n Ukuhlolwa rhoqo kokuphunyezwa neempembelelo zolwimi kunye neepolisi zonxibelelwano neenkonzo nokufaka uhlaziyo apho kukho khona imfuneko.
Unxibelelwano ngomlomo ngazo zoli-11 iilwimi zesizwe ezisemthethweni kuya kuhlonitshwa kwaye kukhuthazwe.
IPolisi yoLwimi-kwiMfundo imisela ukuba bonke abafundi kufuneka banikwe ithuba lokufunda okungenani ulwimi olunye lwemveli, yonke imimandla yezifundo zolwimi iya kufumana ixesha kunye nemithombo elilinganayo kwaye iziphathamandla ezilawulayo kumgangatho wephondo ziya kumisela ipolisi kwiimfuno eziqhubela phambili njerngezifundo, ngokuxhomekeke kwizithethe zesizwe.
UMMANDLA WOKUSEBENZA
Ummandla wokusebenza we-GLPF uquka amasebe e-GPG, kwindlu yowiso-mthetho yaseGauteng, oomasipala (bethathela ingqalelo ukusetyenziswa kolwimi lommandla wabo nokukhetha), amaziko kwiphondo asebenzisa igunya loluntu okanye enza umsebenzi woluntu. Urhwebo labucala kunye namaziko angekho phantsi kukarhulumente aya kukhuthazwa ukuba aphuhlise imigaqo yawo eelwimi ahambisana neNkqubo-sikhokelo yePolisi.
Ulwimi
EMzantsi Afrika isiBhulu
Ezinye
La manani angentla abonisa ukuba isiZulu lulwimi lwenkobe oluthethwa ngabantu abangaphezulu kwama-20% kwimigangatho yephondo neyesizwe. Kubalulekile ukuqaphela ukuba isiNgesi lulwimi olusetyenziswa kakhulu kuqoqosho nenzululwazi kwaye sikwindawo yesine neyesithandathu kulwimi lwasekhaya kwimigangatho yephondo neyesizwe. Olu luhlu lungasentla lubonisa ngokucacileyo ukuba i-Gauteng ayinalo ulwimi lwasekhaya olodlula ezinye, kodwa yimeko yeelwimi ezininzi apho iilwimi zenkobe ezintlanu eziphezulu zithethwa ngabemi abangaphezulu kweepesenti ezili-10 kwaye zidibene zenza ngaphezulu kwama- 70% abemi bephondo.
Ezi zilandelayo ziiprofayile zeelwimi zasekhaya ezithathwe kuBalo lwabantu lowama-2001 ezibonisa iilwimi kunye nenani elikhulu labasebenzisi ngokokonganyelwa:
Ukuphunyezwa kwe-GLPF kufuneka kunike ilungelo novakalelo ngokuphathelele kukwahlukana okungasentla. Kucingwa ukuba ezinye iilwimi ezingafumani manani okuzibalula kumgangatho wephondo ziya kufumana amanani amakhulu kumgangatho worhulumente wasekhaya kwaye ziya kufumana ilungelo lokuthathelwa ingqalelo kumgangatho worhulumente wasekhaya nangokuzalisekiswa kwemisebenzi yephondo kumgangatho wasekhaya.
Ngowama-2003 iSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko lagunyazisa uphando kuphicotho lolwimi nonxibelelwano kumasebe eGPG . Injongo engundoqo yophicotho yayikukumisela iimfuno zolwimi ( kuqukwa imithombo) kunye nokukhetha kolawulo, isitafu nabaxumi beenkonzo zephondo.
Uphicotho kubonisa ukuba amagosa amaninzi kwiindawo zokufezekisa iinkonzo (iinkonzo ezingaphambili) anako ukuthetha noluntu ngolunye ulwimi okanye ngaphezulu ngaphandle kwesiNgesi nesiBhulu kwaye abasebenzisi abaninzi beenkonzo zikarhulumente basebenzisa ikakhulu iilwimi zemveli. Umzekelo kwesinye isibhedlele sephondo ulwimi olusetyenziswa ngamagosa yayisisi sisiBhulu se- 7,9% sexesha, isiNgesi 36,8% yexesha kwaye iilwimi zemveli ngama-58,5% exesha.
Ngokunxulumene nolawulo, umfanekiso wesitafu yayi kukuba iirekhodi, ukubekwa ukwazisa kunye nokunxibelelwano ngomlomo kwakusenziwa kakhulu ngesiNgesi esilulwimi olusetyenziswa kakhulu kunxibelelwano oluqhelekileyo phakathi kwabasebenzi.
Uphicotho lukwaqaqambisa imfuneko ebalulekileyo yeenkonzo zoguqulo nokubaluleka kokuncedwa kwabaxhasi bazo ngolwimi lwasekhaya kunxibelelwano lomlomo nolubhalwayo.
Ayingawo onke amasebe athe aguqulela amaxwebhu awo ezicwangciso-qhinga kwezinye iilwimi zemveli. Nangona iindleko zilithintela inyathelo elingamandla kuguqulo, amanye amasebe ayaqala ukuba ngumzekelo. Umzekelo, uHlahlo lwabiwo-mali lePhondo lwalufumaneka ngeelwimi zemveli ezimbini.
IZIKHOKELO ZOKUSETYENZISWA NOKUPHUHLISWA KOLWIMI E-GPG
Urhulumente wePhondo laseGauteng, njengoko kufunwa ngumGaqo-siseko kunye nokuba ubona iilwimi ezininzi ezingundoqo, ziyakuhlonipha, kwaye zixhase ulwimi lwabo bonke abemi bephondo.
Kangangoko kunokusebenza (kuthathelwa ingqalelo zozibini izibonelelo ezifumaneyo kunye nokubaluleka koMgaqo-siseko), wonke ubani uya kunikwa ithuba lokusebenzisa ulwimi lwakhe okanye ulwimi olukhethwe nguye ngomlomo nangokubhala xa enxibelelana namagosa. Njengoko ingxelo yophicotho engasentla imisele, ukusetyenziswa kweelwimi zemveli kuyakhuthazwa kodwa apho iziphumo zingaphantsi kobekulindelwe indlela yokuphucula imeko kufuneka yamkelwe kwaye ikhawuleziswe.
UKUSETYENZISWA KOLWIMI LWEREKHODI
Ulwimi lokubhalwa kweerekhodi zangaphakathi kwi-GPG luya kuba sisiNgesi kwaye uguqulo oluya kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni kunye ne-Braille ziyakwenziwa ukuba zifumaneke ngesicelo apho kunokwenzeka. Apho kucingelwa ukuba kuyimfuneko amaxwebhu athile aya kuguqulelwa kulo nakweliphi na inani lezinye ezilishumi iilwimi ezisemthethweni kwaye zisasazwe ngaphandle kokulindela uluntu ukuba lukucele oku. Indlu yowiso-mthetho yaseGauteng iya kuqhubekeka ukuvelisa iirekhodi zengxoxo ngeelwimi ezine ezisemthethweni ubuncinane. IsiNgesi siya kusetyenziswa ukubhala kunxibelelwano phakathi kwamasebe naphakathi kukarhulumente.
ULWIMI LONXIBELELWANO
Ulwimi olusetyenziswayo kunxibelelwano lwangaphakathi nangaphandle luya kukhokelwa kukusebenza kweelwimi ezininzi, njengenjongo, nomxholo wonxibelelwano kunye nokubakho kwemithombo kwaye abaphulaphuli ekujoliswe kubo baya kumisela ukhetho lweelwimi. Ukusetyenziswa kolwimi kwiinkonzo eziphambili ezifana nezibhedlele zoluntu, izikhululo zamapolisa, iindawo zeenkonzo zoluntu, ii-ofisi zezindlu nendlu yowiso-mthetho yaseGauteng kufuneka kugcinwe ngokukhutshwa kweefom zeenkonzo okungenani ngeelwimi ezimbini zemveli okanye apho kukho khona imfuneko ngazo zoli-11 iilwimi ezisemthethweni.
UNXIBELELWANO LWAMAZWE NGAMAZWE
UKUPHUCULWA KOLWIMI
Amacandelo onxibelelwano amasebe e-GPG ekhokelwa liCandelwana eliyiNtloko: Unxibelelwano lukaRhulumente neeNkonzo zoLwazi kwi-ofisi yeNkulumbuso ziya kuba zizixhobo ekukhokeleni iGPG kwiinkqubo eziya kukhulisa uphuculo lweelwimi ezisemthethweni kunye nezinye iilwimi ezihambisana nomGaqo-siseko. Isebe ngalinye le-GPG liya kuseka iyuthi yalo yolwimi.
UMbutho woNxibelelwano we-GPG, uyakuquka ukonganyelwa nokuvavanywa kokuzalisekiswa kokuphuculwa kunye neenkqubo zokuphuhlisa ezamkelwe ngamasebe e-GPG kuphando lwayo lonyaka. Iziphumo zoko ziya kumisela isenzo ekufuneka sithathiwe kwaye ungenelelo luya kuxhomekeka kubukho bemithombo.
ISebe lezeMfundo ingakumbi liya kuphucula kwaye liphuhlise ilwimi zemveli ezazisingelwe phantsi ngokwembali njengoko kumisiwe kwi-SASA nakwiPolisi yoLwimi-kwiMfundo.
Njengomnye wemisebenzi yayo iKomiti yoLwimi yePhondo laseGauteng iya kucebisa i-GPG kwizinto namaphulo aya kunceda ekuphuculeni nasekuphuhliseni iilwimi ingakumbi iilwimi zemveli ezazifudula zisingelwa phantsi
Kufuneka kuchaziwe ukuba ukwenzeka kokuphuculwa nokuphuhliswa kuya kuxhomekeka kulwabiwo lohlahlo-lwabiwo mali kunye nakubukho bemithombo.
ISIKHUNDLA SOKWAKHA
Ukusekwa kwezakhiwo ezongeziweyo kunye nemfuno yokufikelela kulwazi loluntu ngeelwimi ezikhethweyo zamalungu oluntu, ngokunjalo nokusetyenziswa kweelwimi zawo xa kusetyenzwa nabasebenzi bakarhulumente, kuya kuba nempembelelo kuphuhliso lwesitafu kobo bume nakumasebe e-GPG jikelele.
Kwixesha elide abasebenzi nabameli boluntu kumaziko e-GPG kufuneka babe nobuchule kwezinye okanye kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni zemveli ukuze kuhanjiswe iinkonzo ngokufanelekileyo nangokusebenzayo.
Oku kuthetha ukuba amasebe kufuneka aqeqeshe kwaye aphuhlise isitafu sawo esingaphambili ukuba sibe nako ukunxibelelana nowonke-wonke ngokungqinelana nomthetho-siseko weBatho Pele.
ISIPHELO
Ngemizamo yamxhel' omnye ukuphuhliswa kweelwimi zemveli nokuguquka njalo kwamanani abantu bendawo kuya kubaluleka ukuba kuphengululwe i-GLPF qho kwiminyaka emihlanu ukwenzela ukumisela ukubaluleka kwayo..
